Ingaba umyalelo wokuqhawula umtshato, kunye nesivumelwano sokuhlalisana apho iqabane lizuza isabelo selinye iqabane kwipropati yabo, lunesiphumo sokudlulisela ipropati na?
Hayi. Ngaphandle kwezixolelo ezimbalwa, ipropati engenakususwa ingadluliselwa isuka kumntu isiya komnye ngokubhalisa udluliso lwayo kwiOfisi yoBhaliso lweepropati. Ukuchitheka komtshato emva koqhawulo-mtshato alunasiphumo sokudlulisela ubinini bepropati. Uqhawulo-mtshato luvumela iqabane elizuza isabelo sepropati selinye iqabane ubango kwesosabelo.
Ukuze ubunini obupheleleyo kwi propati bubhaliswe egameni leqabane elizuzileyo, kufuneka kufakwe isicelo esikhethekileyo kwiOfisi yoBhaliso lweepropati. Ngelixa kubhaliswa, uMbhalisi uzakubeka istampu kwi tayitile esibonisa uba iqabane ebelikho alusenabango kwi propati kwaye namalungelo eloqabane ame neqabane elizuzileyo ngehlobo elingathi ubinini buye badluliselwa kuye ngokusesikweni busuka kwelo qabane belikho.