Dillon Lebotschy obtained his Bachelor of Laws (LLB) degree from the University of the Western Cape and completed his articles at STBB. Following his admission to the High Court of South Africa as an Attorney, he joined STBB's Conveyancing department in Blouberg as an Associate and is now based at the Helderberg branch.

Thought of the Week | Ukuthengisa indlu kube kukho isivumelwano sokuqeshisa esikhoyo

Amatyeli amaninzi umntu ukhe adibane nezivumelwano zokuthengiselana kwendlu ibe iqeshisiwe kumqashi. Umbuzo oye ubekhona uthi , athini na amalungelo omqeshi, umthengisi kunye nomthengi.

Ngokomthetho oyi common law yaseMzantsi Afrika, isivumelwano sokuqeshisa asikwazi ukucinywa ngumnini mhlaba kuba eyithengisa lendlu iqeshiweyo. Esi sivumelwano sokuqesha siphela kwakufika ixesha lokuphelelwa kwaso ngesizathu sokudlula kwexesha. Lenqubo iqokwe kwintetha ethi “huur gaat voor koop”. Xa itolikwa ithi isuvumelwano sokuqeshisa esimiyo siyasodlula isivumelwano sokuthengisa esisekwe mva.

Ngoko ke xa indlu ithengisiwe, umthengi uye athathe indawo yomthengisi aze athathe esosivumelwano sokuqeshisa ibe ngathi sasiphakathi kwakhe nomqashi kwasekuqaleni. Umthengi uye abenamalungelo kunye neemfanelo ezifanayo kumqeshi njengomthengisi.

Amagqwetha ajongene nemeko zezindlu aye ancedise ngokubhala isivumelwano sokunizela esisivumelwano sengqesho simiyo kumthengi. Esisivumelwano sonikezela sityikitywa ngumthengisi, umthengi, umqashi kwaye ne arhente ephetheyo (uba ikhona).

Ngoko ke kubalulekile xa kuxoxwa ngokuthenga okanye ukuthengiswa kwezindlu, kwaziswe onke amalungu uba loondlu iqashisiwe ukuze kungabikho ngxaki nangxabano phakathi kwaloomalungu adibene ngokuthenga nokuthengiselana indlu leyo.

For the best legal advice and personalised service, let's talk
Subscribe to our monthly newsletters, subscribe