Thougth of the Week | Kuzozonke izinto ezoyikisayo apha emhlabeni dibanisa noMthetho woKhuseleko loLwazi lwaBantu (POPI)

UMthetho woKhuseleko loLwazi lwaBantu (i-POPIA) watyikitywa waba ngumthetho ngo-2013. Ukusukela ngoko amashishini acetyiswa ukuba uMthetho woKhuseleko loLwazi lwaBantu (iPOPIA) izakungena ngokupheleleyo kungekudala, kodwa kude kube ngoku sisalindele ukwenzeka kwayo. Kutshanje uMlawuli wezoLwazi ucele uMongameli ukuba abhengeze umhla wokuqalisa kwalo Mthetho woKhuseleko loLwazi lwaBantu (POPIA) ngomhla wokuqala kuTshazimpunzi (April) 2020 (oku kuthetha ukuba umhla wokuvala ofanelekileyo uya kuba ngowokuqala kuTshazimpuntzi (April) 2021.

Ukujongana nokoyikeka kwe-COVID-19, ufuthe lwezimali kwiingxaki zika-Eskom ne-SAA, abahlalutyi abaqinisekanga ukuba umhla wokuqala kuTshazimpunzi (April) uya kuba ngumhla wokuqalisa ukusebenza kwayo.

Oku akufunekanga kubangele ukuzekelela kwamashishini ekungeneni kulomthetho mtsha. UMthetho woKhuseleko loLwazi lwaBantu (POPIA) yindlela elungileyo yomgaqo wokusebenza kwamashishini, efuna ulawulo lwenkcukacha olufanelekileyo: Kuyinto elungileyo kwishishini ukwazi ukuba yeyiphi inkcukacha (data) onayo, kutheni unayo kwaye wenza ntoni ngayo.

Nokuba iyakuqala ukusebenza ngomhla wokuqala kuTshazimpunzi (April) okanye kamva kulo nyaka, yenza oko kufanelekileyo kwishishini lakho ukuqala ukulungelelanisa iinkqubo zakho neemfuno zoMthetho woKhuseleko loLwazi lwaBantu (POPIA), chonga iGosa loLwazi, qeqesha abasebenzi bakho, ubeke imigaqo-nkqubo, ngoba ekugqibeleni lomgaqo uyeza.

For the best legal advice and personalised service, let's talk
Subscribe to our monthly newsletters, subscribe