Ifandesi ichazwa kuMthetho woKhuseleko lwaBathengi “njengentengiso kawonkewonke apho kuthengiswa iimpahla kunye nepropathi yombheji omkhulu.” Amaziko ezezimali ngokwesiko asebenzisa ifandesi ukuba afezekise ukuthengisa okuphumeleyo kwepropathi apho umyalelo wenkundla unikezela imvume yokuthengisa. Mva nje ngakumbi nangakumbi abathengisi babucala bakhetha ukuba indlu yabo ithengiswe ngokwe fandesi (auction), bekholelwa ukuba iya kutsala umdla ngakumbi kwabo bafuna ukuthenga.
Ipropathi ethengiswa kwifandesi ihlala ithengiswa rhoqo ngokwe-voetstoots (ngamanye amagama, “njengoko kunjalo”, kunye neziphene zayo ezibonakalayo nezingabonakaliyo). Abathengi ke abanakufane baphendulwe xa bengonelisekanga, emva kwentengiso, ngemiqathango yepropathi abayithengileyo. Kuyaphawuleka, icandelo lamashumi amahlanu anesihlanulomThetho wokuKhuselwa kwabaThengi, obonelela abathengi ukuba banelungelo lokuba “uKhuseleko, iimpahla ezisemgangathweni” alusebenzi kwiimpahla ezithengwe kwi fandesi.
Kuyanyanzeleka ke ukuba ezi zinto zilandelayo zibekho ngaphambi kokuthenga iipropathi kwifandesi:
- Vavanya ipropathi;
- Fumana ikopi yemiqathango yentengiso;
- Jonga ukuba ipropathi iyaqeshiswan kusini na;
- Ukuba ipropathi iyiyunithi kwisikimu setayitile yecandelo, buza ukuba lixabiso elingakanani irhafu kunye namaxabiso;
- Fumana ikopi yencwadi yetayitile kunye nemizobo evunyiweyo, ukuze uqhelane nokuba kukho indawo yeenkonzo zomnye umntu (servitude). Nangona oku kunqabile ukuba kufumaneke kumthengi oza kuthenga ngefandesi, unokuya kukhangelo lonomyayi nobuchwephetshe balemihla okanye ngenye indlela ubuze umthengisi wefandesi kwangethuba ngokufumaneka kwala maxwebhu, okanye uye kugqirha wakho womhlaba (conveyancer).
Intlawulo yangaphambili ihlala ihlawulwa, xabiso elo lisisixa sobuncwane bexabiso lokuthenga. Ngaphezulu kwintlawulo yangaphambili, unokuba noxanduva lokuhlawula ikhomishini yomthengisi kunye namaxabiso angahlawulwanga kunye nerhafu.
I-fandesi (Auctions) ziqhutywa ngokubanzi ngexabiso eligciniweyo. Ukuba kunjalo, kwaye umbheji ophezulu akafikeleli kule mali, intengiso iyakwenziwa ngokuxhomekeke kumthengisi.
Kubalulekile ukuba uqaphele ukuba, ukuba umthengi wophula isivumelwano, umthengisi unelungelo lokubuyela ngokusemthethweni. Amagatya okwaphula umthetho aqulathwe kwezi zivumelwano zilandelayo:
- Umthengisi uya kuba nelungelo lokucima isivumelwano ngesaziso esibhaliweyo kunye namabango omonakalo ngenxa yokophula umthetho;
- Unebango loku banga yonke intlawulo yexabiso lentengiso ebelibekwe ngumthengisi.
Ukuba kuye kwabangwa umonakalo, intlawulo yangaphambili kunye neKhomishini yomthengisi eyayihlawulwe kwasekuqaleni inokupheliswa. Kuyanyanzeleka ukuba uye kuqwalaselo olufanelekileyo ukunqanda ukuzifumana ukwimeko apho usengxakini yomthengi.