Thought of the Week | Ushwankathelo lwe -72 hour cluase nomqathango wentengiselwano

Isivumelwano esibhalwe phantsi sentengiselwano ngepropati sisenokubandakanya imiqathango yebhondi eneziphumo ezithile kwintengiselwano ngepropati ezihamba kunye negatya elibizwa ngokuba ngu-“72 hour clause.”, nokuba kukumthengi okanye kumthengisi-propati

Ingaba sesiphi isiphumo sale mimiselo mibini?

Ngokufutshane, imiqathango yebhondi yentengiselwano iyimisa ixeshana inkqubo-ntengiselwano yokusebenza kwesivumelwano ngokupheleleyo, yaye idla ngokusetyenziswa apho umthengi esalinde ukuba isicelo sakhe sebhondi samkelwe ngaphambi kokuba azibophelele ngokusemthethweni kwisivumelwano. Kwimeko enjalo umqathango webhondi wentengiselwano uya kuthi sakuba samkelwe, ‘kurhoxiswe ukumiswa kwenkqubo-ntengiselwano’ siqalise ukusebenza isivumelwano; xa singamkelwanga isicelo sebhondi nokuba umthengi wenze nzame zini na, umthengi akasabophelelekanga ekubeni ayithenge ipropati.

Ukuze ingemi inkqubo-ntengiselwano ngexesha kungekaqinisekwa nokuba siyakwamkelwa na isicelo sakhe sebhondi, igatya u-‘72 hour clause’ usoloko ebandakanywa kwisivumelwano. Eli gatya limisela umthengi ukuba aqhubeke nokumaketha ipropati yakhe kude kube lixesha apho umqathango webhondi wentengiselwano uthe wabe uyakhawulelana nawo umthengi wokuqala. Umthengisi uya kuthi ke ngoko, ngeli xesha umthengi wokuqala kwakuba kwamkelwe isicelo sebhondi asifakileyo, afumane isivumelwano se-bona fide (isivumelwano esiyingqinisekiso ecacisa ukuba akukho bugwenxa benzekileyo) esisuka kumthengi wesibini. Ukuba umthengisi ufuna ukufumana isivumelwano sesibini njengesi, umthengisi kulindeleke ukuba akwazi ukukhawulelana neemfuno zomthengi wokuqala kwiiyure ezingama-72 apho aya kuthi abe uyakhawulelana nomqathango wentengiselwano (ngokuza nobungqina bokuba ibhondi yakhe iye yamkelwa) okanye ayincame loo ngeniso (into ethetha ukuba uyazibophelela ekuyihlawuleni ipropati ngemali eyikheshi).

Omabini la magatya aneziphumo ezibalulekileyo nokuba kukumthengisi okanye kumthengi, sicebisa siyigxininisa into yokuba kudityanwe nengcali yomthetho kwezeepropati ngaphambi kokuba zibhalwe phantsi izinto.

For the best legal advice and personalised service, let's talk
Subscribe to our monthly newsletters, subscribe