Izehlo ezibumba ubomi kwabanye, ezinje ngomtshato, ukuthengwa kwepropati, ukuzalwa komntwana, ukusweleka komntu omthandayo, uqhawulo-mtshato okanye ukufuduka, konke kukhokhelela kutshintsho lweemeko zakho ezibangela uba kufuneke uhlaziye umyolelo. Ukuqinisekisa ukuba ilifa lakho linekezwa ngokufanelekileyo, ngaphandle kweendleko kunye nokunciphisa ukulibaziseka kwabaxhamli bakho obakhethileyo, kubalulekile ukuba uwakhe ngendlela esemthethweni umyolelo wakho kwaye ufune iingcebiso zosomaqhuzu bomthetho. Umyolelo wakho kufuneka unike izinto ezininzi ingqwalasela, eyona nto ecace gca kukutyunjwa kweendlalifa kunye nokuqeshwa komgwebi olawula ilifa lakho.
Umyolelo oyakwenziwa unokulawula naliphi na ilifa linikezelwa kumntwana omncinci kwaye kuvumelekile ukuba uxele ukhetho lwakho lokuba
ngubani umntu ozakujonga abamntwana bakho abancinci xa unokuthi wena nomlingani wakho nisweleke.
Ezinye iingqwalasela ziquka:
- Ingaba kuyakubakho imali eyaneleyo kusini na kwilifa lakho lokuhlawula amatyala akho kwaye ngaxeshanye ibonelele ngokhuseleko lwezezimali kusapho lwakho?
- Ngaba unomdla weshishini elinothi libe sesichengeni?
- Ingaba umsebenzi wepropathi unokuncitshiswa?
- Ngaba ibhodi yakho yokubambisa iyahlawulelwa yi-inshorensi?
- Ukuba ikhona, imali izakuvelaphi ukusuka ekuhlangabezaneni nezibophelelo zakho malunga nomyalelo woqhawulo mtshato?
- Zeziphi inzuzo kwirhafu yezibonelelo?
- Ngaba umyalelo wakho uyileke ngokufanelekileyo na ukuba ungaquka izinto zaphesheya
Ukuba une-(inter vivos trust), esetiweyo ngexesha lokuphila kwakho, ixabiso lelifa lingakufuna ukuphononongwa kwakhona, ingakumbi ngokubhekisele ekuchongweni kwabaphathi abafanelekileyo bokuphatha ilifa emva kokuba uswelekile.
Nceda unxibelelane nesebe lethu lelifa lomntu oswelekileyo ukwenzela uboniswano ngokomnxeba ku
021 673 4700 okanye ubhalele ku
estates@stbb.co.za